
2 BONA XHOSA - June 1995


 INTSHAYELELO

Bhotani Bafundi,
Uninzi lwabafundi ngoku lumele ukuba luyazi ukuba ngoNovemba 1995 kuza kubakho unyulo loomasipala. Nangona kunjalo, abantu basabhidekile ukuba ngubani abaza kumvotela nokuthi baza kuvotela ntoni. Kumakhasi ethu aMalungelo oluntu sichaza ngolu nyulo nemithetho yokuvota! Sebenzisa ilungelo lakho - vota ngoNovemba! Kushicilelo lwale nyanga lukaTyhila Ufunde siphinde saqwalasela nezicelo zenu zokuba kubhalwe ngezifundo. Kwiinyanga ezizayo, amakhasi eBetter English aza kuchaphazela isiNgesi sematriki ngoxa amakhasi eMbali aza kuba nezifundo zeMbali zeBanga lesi-6 nelesi-7. Siyathenga ukuba ezi zifundo ziza kuninceda!

Okokugqibela, kwabo banqwenela ukuphucula imfundo yabo, ikhasi lokuQhubekayo Kwezemfundo liza kukhupha uluhlu lwezifundo ezenziwa ( kwiindawo ngeendawo zeli! Ukuba
kukho okuqhubekayo kwezemfundo okwaziyo, nceda usibhalele usixelele.

EDUCATION FOUNDATION


Bafundi
beBanga lesi-5 nelesi-6:

Zizuzeleni
iincwadi ozize
kuninceda kwimbali!
Namathisela le khuponi kumva weposikhadi uze
 uyithumele kule dilesi: Hands-on History 
competition, Look and Learn, P.O. Box 2925, 
Durban, 4000 by June 30 1994.



BONA XHOSA - June 1995 7 HISTORY

Vumbulula eyakho imbali

Sibhalelwe ngabafundi abaninzi abafuna uTyhila Ufunda abancede emsebenzini wabo
wesikolo. Siziphulaphule zonke izicelo zenu yaye ukususela kule nyanga siza
kunikhuphela iinxalenye zezifundo zeMbali zeBanga lesi-6 nelesi-7. Qhubeka ufunde
uze usibhalele usixelele ukuba la makhasi akuncedile na!



Mhlawumbi uninzi lwenu lucinga ukuba isifundo seMbali sizele ngamagama, iminyaka neendawo ekwakuliwa kuzo iimfazwe. Kanti ke akunjalo! Isifundo seMbali sinomdla ngaphezu koko. Imbali isenokuba ngamadoda namabhinqa aqhelekileyo.
Ngaphambi kokuba sifunde ngeembali ezahlukeneyo, kufuneka sazi indlela yokufumana okwakuse-benzeka kwixesha elidlulileyo. Ezinye iindlela esikwenza ngayo oku zinokuba nomdla.
Sinokuthembela kwiincwadi zokubhala esiza kukwenza, iincwadi, imibongo, udliwanondlebe neefoto. Ukuze sibe zizazi ngembali kufuneka siyazi indlela okusebenzisa izinto ezahlukeneyo ezinokusinceda.

Indlela yokufumana ngeyakho imbali

Uke ube nayo ingxaki yokungazi apho ungena khona kwimbali? Kungani ungafumani ngokufunda imbali yosapho lwakowenu. Oku unokukwenza ngeendlela ezininzi. Enye yezo ndlela kukudlana indlebe namalungu osapho ahlukeneyo. Unokubhala imbali yosapho lwakowenu usebenzisa izinto abazikhumbulayo!

Umsebenzi 1
Zama ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe ngembali yoomawokhulu bakho. Badla ngokuzikhumbula izinto ezininzi ezenzekayo. Ncokola nabo ukuze ufumane konke abakwaziyo! Xa ungenabo
oomawokhulu, dlana indlela nomntu obazi kakuhle. Nantsi eminye yemibuzo onokubabuza yona:
* Wazalelwa phi? Wazalwa nini kona?
* Yintoni osayikhumbulayo ekukhuleni kwakho?
* Wawufunda? Nanifundiswa ntoni
esikolweni?
* Wawuphangela?
* Wawutshatile na yaye unabantwana
abangaphi?
* Zinto zini ezibalulekileyo ezenzeka ebomini bakho?

Zenzele minye imibuzo! Emva koko bhala imbali yoomawokhulu bakho. Yithumele kuTyhila Ufunde! Umbhali wembali enomdla uya kuzuza i-R20!



8 BONA XHOSA - June 1 995

Imbali yabanye abantu
Nangona kulula ukufumana ngeyethu imbali, singayifumana njani imbali yabanye abantu? Xa wena okanye usapho lwakho ningamazi umntu, niya kuba anikwazi ukukhumbula. Iifoto ziya kuninceda, kodwa azinakunixelela nto. Masifumane imbali yabanye abantu!


Ubomi babantu
abaqhelekileyo
Sifuna ngabantu abazizinhanha nabadumileyo mihla le kwimagazini namaphepha-ndaba. Iifilim neenkuqubo zeTV zidla ngokuba ngabadlali beefilim, iimvumi nangabantu bepolitiki.

Ababhali nabaqambi abaninzi bacinga ukuba abafundi nababukeli bafuna ukufunda ngabantu abadumileyo kuphela.

Abadumanga abantu abaninzi ehlabathini. Kudla ngokuba ngabantu abafana nathi abaguqula imbali.

Kusenokubonakala ngathi yinkokeli ethile eguqule izinto kodwa kudla ngokuba yintshukumo yabantu eyenza kubekho iinguqu.

Njengoko sikholwa kukuba ubomi babantu abaphantsi bubaluleke njengobabantu abadumileyo, sigqibe ekubeni siqwalasele ubomi bukaConfidence Radebe.

Ngebali lakhe sinokufunda indlela yokufumana ngembali yabanye abantu.

Ibali likaConfidence
lgama lam ndinguConfidence Radebe. Nangona ndinalo igama lesiZulu likaNosipho, ndithanda eli IikaComfidence kakhulu kuba nam ndifuna ukuzithemba.

Ndazalelwa eMbumbulu ngo-1978. Ekhaya kwakukho izindlu ezintathu esasihlala kuzo nomama, utata, abasakwethu ababini, abantakwentu abathathu, uPeter, uMbuso nojabu. Babebaninzi abantu ababakhe kwingingqi yakowethu - mhlawumbi babengama-6OO

Ndilusizi kuba ndikhumbula izinto ezibuhlungu ikakhulu ezenzeka ngelo xesha. Kwakukho abantu abaqalisa imfazwe. Batshisa umzi wasekhaya babulala nabantu abaninzi kwingingqi yasekhaya. Kwakungo-1983 ngelo xesha yaye mna ndandineminyaka emihlanu.

Kwanyanzelaka ukuba siyohlala kwisikhululo saseMbumbulu malunga neenyanga ezintathu silinde ukuba iphele imfazwe. Zazininzi iintsapho ezazihlala esikhululweni kuba zibaleke imfazwe. Andiqinisekanga ukuba ngawaphi amaqela ayesilwa. Andisakhumbuli kakuhle.

Ngelo xesha sasingasamboni utata. Wayesebenza edolophini(eThekwini) yaye ehlala eGlebelands Hostel eMlazi. Wayetyelelwa ngumama kuphela.

Singazifumana njani ezinye iinkcukacha ngoconfidence?
UConfidence sesixelele ngeyakhe imbali. Singazifumana phi iinkcukacha ezibhekele phaya? Zahlukene iindlela esinokufumana ngazo ngobomi bukaConfidence. Nazi:

Ngokusebenzisa imaphu

UConfidence wazalela kwindawo ekuthiwa kuseMbumbulu. Ngokuhamba kwexesha usixelela ukuba uyise wayohlala eGlebelands 

Hostel, nokuthi wayesebenza eThekwini. Ngezantsi sinemaphu yephondo laseNatal. Qho xa uConfidence ebiza igama lendawo jonga ukuba uyalibona na kwimaphu. Yintoni enye esiyixelelwa yimaphu ngeendawo ekwakuhlala 
kuzo uConficlence? 

lmibhalo iyakunika nayo
 iinkcukacha

Umbhalo yito nantoni na ebhalwe phantsi okanye eshicilelweyo. Umzekelo wezinto eziyimibhalo ziincwadi, amaphepha-ndaba, iziqinisekiso zokuzalwa okanye ezokufa.
Jonga le mibhalo ilandelayo. Ngaba ikho into entsha esiyifunde kule mibhalo? Sinako ukuzisebenzisa ezi nkcukacha kwimbali kaConfidence?

Umbhalo 2 The Daily Mail,

3 September 1983

Umbhalo 1
(Isiqinisekiso Sokufa)

Republic of South Africa
ISIQINISEKISO SOKUFA

Esi sisiqinisekiso sokufa kommi
waseMzantsi-Afrika, nazi
iinkcukacha zakhe-:

IFANI: Radebe

AMAGAMA: Jabulile Mand1a

UMHLAWOKUZALWA:	12/08/68

UMHLAWOKUSWELEKA:	1 / 0 9 / 8 3

ISIZATHU SOKUFA: Ubulewe linxeba lembumbulu

ISITHILI SAKHE: Umbumbulu

Imfazwe yembambano
-Staff Reporter

Kubulewe abantu abathathu, kwenzaka abangaphaya kwama-300 emva kokuqhambuka kwemfazwe yembambano kwisithili saseMbumbulu izolo. Awucaci unobangela wale mfazwe nangona abahlali bekholwa kukuba imfazwe ingumvuka wembambano ephakathi kosapho lwakwaMkhize nolwakwaXulu.

Sithetha nje amawaka-waka amabhinqa nabantwana babalekile kule ndawo bayohlala kwisikhululo saseMbumbulu. Kubizwe aMapolisa aseMzantsi-Afrika ukuba azogcina ucwangco kule ndawo.
Ngoku ufanele ube nako ukuyongeza imbali kaConfidence. Imibhalo iya kukunceda.

Xa usebenzisa imibhalo nezinye izinto ukufumana ngezinto ezenzeka kudala, kudla ngokubakho imibuzo engaphendulekiyo. Kulapho ke apho kufuneka udlane indlebe nabantu.

Unokudlana indlebe nabantu abanolwazi ngeenkcukacha ozifunayo. Sikunikile umzekelo wemibuzo onokuyibuza koomawokhulu bakho. Ngoku cinga ngemibuzo obunokuyibuza uConfidence xa ubufuna ezinye iinkcukacha ngembali yakhe.

KuTyhila Ufunde wenyanga ezayo siza kukunika iingcombolo ezibhekele phaya ngodliwano-ndlebe nangendlela yokufumana iimpendulo zemibuzo engaphendulwanga. Siza kukwenza oko ngokufunda imbali yokufunda eMzantsi-Afrika.




10 BONAXHOSA-June 1995

UMTHETHO

Ukuhlawula imali yesondla kuthetha ukuhlawula imali yokukhulisa umntu. Kodwa
ebantwini abaninzi abamangalela ukufumana imali yesondlo akubi njalo. Kuyenzeka abantwana ungayifumani imali yesondlo yaye ungaxhaswa ekukhuliseni umntwana.

UTyhila Ufunde uqwalasela amalungelo omthetho abazali!

Ukumangalela imali yesondlo
sabantwana


iKwihlabathi jikelele kudla 
boomama abakhulisa abantwana. Amaxesha amaninzi kuba ngoomama abangatshatanga okanye abaqhawule umtshato abamangalela oyise babantwana ukuba bahlawule imali yesondlo.

Oku akubathinteli oyise babantwana abakhulisa abantwana ukuba bangayimangaleli imali yesondlo. Imali yesondlo somntwana ijongene:

  neendleko zokuzala

  nokutya

  ukumakhela ikhaya

  ukumthengela impahla

  iindleko zesikolo

  iindleko zonyango

  nokuzonwabisa
Imali yesondlo onokuyifuna ixhomekeka ekubeni uyise nonina womntwana bamkela malini.

Xa uyise womntwana esamkela ngaphezu kukanina womntwana, kuya kufuneka ahlawula ngaphezu kwesiqingatha seendleko zokukhulisa umntwana.

Into
ebalulekileyo
UFreda Mofokeng noSandile banomntwana ogama lingu-Thabo. Kuthe sekusele
iinyanga ezimbalwa batshate suka athi
shwaka uSandile. Ngokuhamba
kwexesha uFreda udibana naye ejohannesburg aze afumane ukuba sephila ubomi obutsha.

UFreda uyamcela ukuba ahlawulele uThabo imali yokuyofunda ekritshi. USandile
uyala ukuhlawula imali kuba unosapho olutsha ekufuneka alondle.

1. Ngaba uSandile angala ukuhlahlawula nepeni emdaka ukunceda uFreda athumele uThabo ekritshi?




2. Ufanele athini uFreda kwimeko enje?

Okutshiwo
ngumthetho
USandile ufanele ahlawule imali yesondlo kaThabo.

Uyise nonina womntwana bafanele bobabini bamondle umntwana nkqu nokuba abatshatanga.

Xa inguFreda ogcina umntwana, uSandile ufanele ahlawule imali yesondlo.



